ISIQENDU 2: IINTLOBO NGEENTLOBO ZOTYALO-MALI
Abalinganiswa
Umbalisi
UMSASAZI: Isiqendu sesibini: Iintlobo ngeentlobo zotyalo-mali 2
ANDREW: Yhee madoda! Bandihlasela macala onke nditsho noMphathiswa wezeziMali buqu!
PALESA: (EMBIZA) Tata2isidlo sakusasa sesilungile i
ANDREW: (EZAMLA) Akwabe nje le nto ndiyenzayo ilungile.
PALESA: Tata, sesithethile kaloku ngale nto! Ufuna ingcebiso ezizizo ngemali yakho?
PALESA: Soze kaloku Tata unyanzelwe entweni ongayifuniyo. Into omawuyenze nje wena kukubuza imibuzo. Emva koko wenze isigqibo.
PALESA: Ndithe xa bendisenza eli dinga noMnumzana
Khumalo wakhankanya izinto ekufuneka ucinge ngazo k
PALESA: Ewe. Okokuqala uthe kufuneka ukhangele izinto zakho ezibalulekileyo z
PALESA: Utheth'uba kufuneka wenze isigqibo sokuba uzama ukwenza ntoni na ngemali yakho u
ANDREW: Ndizama ukuyifaka kutyalo-mali!
PALESA: Siyayiqonda loo ndawo! Into ayitshoyo kukuba ingaba ufuna ukuyifaka kutyalo-mali kuba kukho nto ithile ofuna ukuyithenga, efana nendlu okanye ishishini?
ANDREW: Umzi ndinawo. Neshishini ndinalo!
PALESA: Ngoku ke xa ngaba sele unayo indlu neshishini, kutheni ufuna ukufaka kutyalo-mali?
ANDREW: (BEAT - EPHOLILE) Kaloku ndifuna indlu engathi inkulu neshishini elithe tshitshilili, yaye andifuni imali yam ilahlekelwe lixabiso layo. Uthe yintoni kanene leyo?
ANDREW: Nantso ke, ndifuna ukulwa naloo inflleyishini. Yaye ndifuna imali yam ikhuseleke. (NGONDILEKO)
Yaye ndifuna nokongela umhlalaphantsi. Kunye nentwazana yam - xa kungavela nto ithile kum lingekafiki elo xesha.
PALESA: Awuboni ke. Nazo ke izinto eziphambili kuwe.
Eyokuqala: kukwenza ukuba imali yakho ikhule. Okwesibini: ukuba ikhuseleke: Okwesithathu: ukulwa ne-infleyishini. Okwesine: ukuzakhela imali yomhlalaphantsi xa sele umdala,kwaye Okwesihlanu: ibe kukuthenga iFerrari.
PALESA: Uthe uMnumzana Khumalo kufuneka wenze isigqibo kananjalo sokuba uza kutyala malini, ixesha elingakanani.
ANDREW: (OTHUKILE) Kodwa ndiqinisekile oko akuthethi ukuba imali yam iza kuvaleleka kwi-akhawunti ethile ndingaze ndikwazi ukuyikhupha, andithi?
PALESA: (NGOMONDE) Hayi Tata, akunjalo. Kodwa ke uphethe amawaka alishumi elinesixhenxe eerandi kulaa nkonkxa yeebhisikithi ongakhange uyichukumise eminyakeni emi -5 edlulileyo. Ngaphezulu ishishini lakho liqhuba kakuhle ngolona hlobo. Wamkela imali eyoneleyo ukuba singaphila ngayo lo gama uqhubela phambili ngokuyivalela. Kanti awusayi kuwafuna onke la ma-R17 000 ngexesha elinye. Enye ungayivalela ixesha elifutshane ze enye uyigcinele umhlalaphantsi wakho kwiminyaka engama-25 ezayo.
ANDREW: Kum ayivakali yonke le nto.
PALESA: Undibuzile kananjalo ukuba ukhe wanaye kusini na umcebisi wezezimali, le nto kuthiwa yiBroker okanye ukhe wathenga okanye wathengisa izabelo kusini na kwi stock exchange.
PALESA: Yhu-uh! Akwaba bendingathethanga nto. Masiyekele kuye tata akucacisele!
Andazi kwanto A
ANDREW: Tyhini Nkosikazi Ndlovu, torho nguwe k Hayi bethu nemoto yakho ayikalungi. Ndisaxakeke yiyo nIyadura na? Apho ke kuxhomekeke ekubeni kuwe yintoni edurayo I (OTHUKILE NGOKUKHAWULEZA) Uthini na ngoku, mhlawumbi kuya kufuneka uhlawule ngezavenge? (NQUMAMA) Hayi kaloku andiyo-credit bureau, Nkosk Ndlovu, (EQINA) Nkosikazi Ndlovu, hayi kaloku nkosikazi mna andinamdla kwizitampu ezaziqokelelwa ngumyeni wakho ongasekhoyo nokuba zezakudala kangakanani na
ANDREW: Nkosikazi Ndlovu, ndilusizi kufuneka ndileqe kwenye into, ndinedinga endinalo. Masithethe kwakhona ngalo mbandela ngelinye ixesha, Kulungile? EweiEweESala.
AMAGQABANTSHINTSHI AVELA KWINGCALI
UMBALISI:Umnu. Chabeli unothotho lwemibuzo. Yaye akathembi mntu. Phofu ke siyayiqonda naleyo! Kaloku yimali yakhe le! Kule ntlanganiso uMnu. Chabeli waba nemibuzo emininzi ejoliswe kuMnu. Khumalo. Wayefuna ukwazi iintlobo ezahlukeneyo zotyalo-mali, efuna ukwazi ukuba angayifaka njani na imali kutyalo-mali kwakunye nomngcipheko ongakho. Wenjenje ke uMnumzan'uKhumalo ukumphendula e
Chabeli, kufuneka okokuqala akhangele izinto eziphambili kuye, ze ke enze isigqibo sokuba angatyala malini na, kwaye ingalixesha elingakanani na eyityalile.
Ukuba awunandlu ethi wena, into yokuqala ekufuneka uyicingile kukuba uza kuzithengela indlu kuqala kusini na. Kodwa ke kufuneka kusoloko kukho imali ekhoyo ebhankini elinde ixesha likaxakeka, ekulula ukufikelela kuyo. Ukufaka imali kutyalo-mali sisigqibo sexesha elide, yaye awufuni ukusoloko utsala imali yakho kuba kufuneka ulungise umbhobho ogqabhukileyo!
Eyona nto ibalulekileyo omawuyikhumbule kukuba zonke iindlela zokutyala imali zinamanqanaba ohlukeneyo omngcipheko. Umzekelo, ukuba ugcina imali yakho ekhaya, ingabiwa okanye itshe nendlu, ukuba uyigcina ebhankini, loo bhanki ingawa, ukuba ikwizabelo, ixabiso lazo lingehla okanye loo nkampani ingawa.
Ndingathi ke nje, ukuba indlela otyale imali ngayo inomngcipheko, ingeniso kuyo inkulu ngolona hlobo, ukuze kaloku abantu babe nomdla wokuvalela kuyo. Ngamanye amazwi, ukuba utyalo-mali lunika inzala ephezulu kakhulu, kufuneka uqonde ukuba nomngcipheko walo uthande ukuba phezulu kakhulu.
Esinye isifundo esibalulekileyo ekufuneka usikhumbule sesokuba ungaze ufake onke amaqanda akho kwibhasikithi enye. Umzekelo, xa ufaka yonke imali yakho kwizabelo zenkampani enye, ze iwe loo nkampani, uya kulahlekelwa yiyo yonke into onayo. Kungcono kakhulu ukuba imali yakho uyisasaze ukuze umngcipheko ube mncinane. Nantso ke enye yezinto ezilungileyo ongayifumana kwiingxowa-mali zotyalo-mali. Umcebisi- nebroker ebhalisiweyo angakucebisa ngezabelo, ngeebhondi neeyunithi trasti, akuncedise kananjalo ukuthenga nokuthengisa izabelo ngawona maxabiso mahle. Sisathetha ke ngeebroker, kufuneka ukhangele eyona ingabizi mali ininzi ngenkonzo ekunika yona.
Loo broker uyikhethileyo yiyo eya kukhetha istock market eza kuya kuso, nokukhangela ukuba zeziphi iinkampani ezinika amathuba amahle okutyala imali. Kuludwe olubanzi kangaka, angakugcinela imali yakho kweyona ndawo ilungileyo. Indlela otyala ngayo imali yakho ke iyakohluka kumntu ngamnye kuba kaloku kakade sohlukile singabantu. Abantu ngokwahlukana kwabo banezimali ezingalinganiyo abafuna ukuzifaka kutyalo-mali yaye banezidingo neenjongo ezahlukileyo.
Oyena ndoqo uyinzuzo luluhlu lotyalo-mali, xa kuthelekiswa notyalo-mali olunye, umngcipheko uyancipha. Njengoko besenditshilo ke ngaphambili, ukuba xa uthatha izabelo zendawo enye, ze ixabiso lazo lehle, ungalahlekelwa sisixa esivakalayo semali yakho. Kodwa ke ukuba uvalela kuludwe lwezabelo, ixabiso lazo alinakufane lehle nje kuzo zonke ngaxesha nye. Oku kwenza indlela otyala imali ngayo ibe yekhuselekileyo.
PALESA: Usenzile ke Tata isigqibo sokuyifaka kutyalo-mali imali yakho?
PALESA: Kwakuhle ke. Uza kuthini ke ngoku?
ANDREW: Andikaqiniseki ncam okwangoku. Kusekho izinto ezimbalwa ezingekandicaceli.
EDUBULAYO
Ukufaka imali kutyalo-mali ayiyonto ungaziphosa nje kuyo okanye uzibone sele uphakathi kuyo Palesa mntanam.
PALESA: (EHLEKA) Kunjalo phofu Tata. Kunjalo ngenene.
ANDREW: (ESAQHUBA NGELAA LIZWI LINYE) Ndithe umcebisi wam wezezimali abuye kwakho kwiveki ezayo.
ANDREW: (EQHUBA ENELIZWI ALENZILEYO) Siyabulisa, kukwaChabeli's motor vehicle emporiumkLIYATSHINTSHA ILIZWI NGOKUKHAWULEZA Tyhini nguwe nkosikazi Ndlovu Intoni ke? NQUMAMA Hayi enkosi, andiyifuni inkukhu egcadiweyo Hayi, sendinayo isuti emdaka ngebala, ndiyabulela nnezihlangu zonele nkosikazi nUthi mandikhethe kwiihempe zomyeni wakho ongasekhoyo UNgathi inika umdla ke leyo Nkosikazi Ndlovu, kodwa makhe sithethe ngemali okwangoku N
LIYATSHONA ILIZWI EMVA KWAMAZWI OKUGQIBELA
UMSASAZI: Kwisiqendu sesibini seNyuku time sifunde ngendlela ezifumanekayo zotyalo-mali, indlela ongenza ngazo ukuba umngcipheko ungabi mkhulu, kananjalo nangotyalo-mali lwexesha elide nolwexesha elifutshane.
UMSASAZI: Khumbula: Qala kwangoku, yaye ngoku lelo xesha
I-Nyuku Time ziziqendu ezifutshane ezihlanu zemidlalo ethetha ngokunonophela imali yakho, (ukuyifaka kutyalo-mali) nokuyenza ikhule.
